Lyrics

Ndiyazile soze ndihambe ndendwa kulendlela Mna ndinawe Iinzingo, iintsizi, neentsunguzi Ndidlulile kuzo Masambe ke, ndibambe ke Ungandiyek', inde le ndlela Masambe ke, ndibambe ke Ndiqinis' ungandyeki Intonga yakho, ngumsimelelo wam Intonga yakho iyandithuthuzela Uzondikhokhel' emadlelwen' aluhlaza Ngoba nam ndiyafuna Undikhaphe ezindleleni zobulungisa Ngenxa yegama lakho Zukhanyise zonk' indlela zam Zudedise bonk' ubumnyama Isibane senyawo zam Sikhanyis' ubusuku nemini Ngue lo, nguwe lo Intonga yam, ungumsimelelo wam Imini nobusuku iyandithutzela Intonga yakho ngumsimelelo wam Umsimelelo wam Intonga yakho iyandithuthuzela Ndithe ndakuphelelwa ngamandla Ndavele ndazilahlela kuwe Bathi ndakuphelelwa lithemba Izaba nguwe ithmva lam Nasemfuleni wethunzi lokufa Andiyi kwesaba bubi Ngob' unami ngamaxesha onke Nguwe oyintonga yam Wen' uyintonga yam Ndihamba nayo nasemlilweni ovuthayo Nditsho nasemadwaleni Naphakathi kweentshaba zam Ndiwela ngayo imilambokaz' emikhulu Nditsho lentonga iyandikhusela Ingumthuthuzeli wam Nditsho lentonga ilithemba lami
Lyrics powered by www.musixmatch.com
instagramSharePathic_arrow_out