Lyrics

Ye ntombi, ntombazana Ndicel' ume apho, ndikukhaphe Unabani, uhamba nobani? Ngoba andizange ndayibona Intomb' entle kangaka Awu mehlo am, yintoni le ndiyibonayo? Ukumil' okunje kuvela phi na? Ubuhle obunje ingaba busekhona? Ungadlali ngam mehlo am Mamela sisi wam Ye ntombi, ntombazana Ndcel' ume apho, ndikukhaphe Unabani, uhamba nobani? Ngoba andizange ndayibona Intomb' entle kangaka We nobuhle, andikholelwa Kuthen' uhamba wedwa? Noba nje liphupha lam? Yitsho nje intw' enye ndizayenza Ndakuyek' ukuphefumla uba uyafuna Yitsho nje! Oh yitsho ntombi Amehlw' anobuthongo, jonga pha Ilizw' elimyoli, yiva pha Izithw'e ezihle kangaka, khawubuke pha Limanz' andonga, bhelukazi ×3 Ye ntombi, ntombazana Ndcel' ume apho, ndikukhaphe Unabani, uhamba nobani? Ngoba andizange ndayibona Intomb' entle kangaka
Writer(s): Madlingozi Ringo, Harold Wynkwardt Lyrics powered by www.musixmatch.com
instagramSharePathic_arrow_out