Lyrics

Nzulu yemfihlakalo, Nzulu yesimanga Ezalise umhlaba nesibhakabhaka Lenzulu yesimanga ngoka Thixo unyana Oweza ebantwini ngokubasindisa Wabona uluntu lonke luwe esonweni Imiphefumlo yonke ihleli elishweni Wasikwa yimfesane engummangaliso Wathabathela kuye lonke ihlazo labo Kwaba ngummangaliso ukuzalwa kwakhe Waphila wafundisa ngokuncamisayo Waba ngummangaliso umnqamlezo wakhe Wafa woyisa ukufa kwaba sisimanga Hayi obo bunzulu boluthando lwakhe Nalo msebenzi wakhe ongummangaliso Abakholwayo namhla abanakugwetywa Ma udunyiswe Nkosi kuse ephakadeni
Writer(s): Tom Mokhati Lyrics powered by www.musixmatch.com
instagramSharePathic_arrow_out