Lyrics

Kwathi ke kaloku ngantsomi Chosi chosi Kungaphum'iimpondo Kwakukho intombazanana Egama lingu Noma-indiya Isiqushuqushu sesiqova Esinezigweqe Umzukulwana kaMambanjwa Eyayithandwa kakhulu nguninakhulu Le ntombazanana ke Yayihlala kuGompo Ze ithi rhoqo ngeeholide zehlobo Mhlawumbi ezobusika Ityelele umakhulu wayo uMambanjwa Kwiilali zaseNgqushwa EBhirha Wayemyala rhoqo ke umakhulu wakhe xa ekhona Athi Noma-indiya Mntanomntanam Uze undincede Ungakh'ulinge udlalele kude nekhaya Yaye ungaze uwele umlambo Uye kwezalali zingaphesheya Ngeny'imini Kuyakuze kune imvula Igcwale imifula Ningakwazi ukuwela Ingakumbi ke wena Noma-indiya Ngoba akukwazi nokokubaleka Athi qhuzu-qhuzu uNoma-indiya etyoba ilihlo Enze ngath'uvile Athi ndivile makhulu Andisokuze ndiye apho Yaye uyayazi ukuba Amakhwenkwe alalal'ingaphesheya Ase kakhulu Oh umakhulu ncume Minazana ithile Kwilali engaphesheya EDindala kwaTyuwa EmaCirheni kubekho umgidi Kuxhelwe inkomo Neegusha Neebhokhwe Ngokwamabhongw'akhona Hayi ke abantwana Ibe ngathi Babethw'ephondweni Basuke eNewrest KwaNtambomvu EZiteneneni KwaZwelitsha EKomanishini Nditsho kwaHoyi NaseTyityaba Hii ukuy'emgidini. Naso ke isiqushuqushu sesiqova Esinezigweqe naso sizimela Sibaleka Yhii tshe sithe Ukuya kuqabela emaCirheni Ngelingeni Yamathumbantaka imozulu Lezisa izulu Kwasibekela Kwatsho Isiphangokazi semvula Yhoo Ngqee abany'abantwana hii Bakhawuleza bawela umfula Ungekaphuphumi Naanko ehintsiza uNomaindiya Ebaleka Ekhefuzela Ekhala Wafika umlambo ugcwele Wacinga amazwi kamakhulu wakhe Wathi oh Nkosi yam Andiyazi ukuba bendiyenzela ntoni lento Wangen'emlanjeni Wabek'unyawo lokuqala Wabek'olwesibini Wathi nje esithi uyazama ukuthi Amthatha amandla omsinga Amtshayel'uNomaindiya Wabe engenamncedi Ahamba naye Amanzi omlambo iBhirha Amkhuphela eNxuba Ayomlahl'elwandle EHambhok Oh ingathi ndiyambona uMambanjwa Engamazi umntwan'akhe Uyephi na Ehamb'ebuzisa kubantwana abebedlala naye Ukuba uphi na uNoma-indiya Kanti uNoma-indiya usindile Uye waginywa lisele Elahamba kengoku Libuzisa ngaye Ukuba ngubani na ndimthweleyo Thaxa Thaxa Thaxa isele Laqala ke isele ukucula EBhodyama Nants'ingoma Khamini gantshi Ndipheth'uMayindiya Khamini gantshi Ndipheth'umhlobase Gompo Gompo Khamini gantshi Ndipheth'uMayindiya Khamini gantshi Ndipheth'umhlobase Gompo Gompo Khamini gantshi Ndipheth'uMayindiya Khamini gantshi Ndipheth'umhlobase Gompo Gompo Khamini gantshi Ndipheth'uMayindiya Khamini gantshi Ndipheth'umhlobase Gompo Gompo We Gompo Gompo We Gompo Gompo Hee bath'abantu baseBhodyama Hayi asimazi thina LomhlobaseGompo khala ngaye Ladlul'isele laya kwaNdaba Labuza He bethuna niyamazi Umnt'ekuthiwa nguNoma-indiya Intomb'aseGompo Umzukulwana kaMambanjwa Kwathiwa hayi asimazi thina lomntu apha tu Gqithela phambili tu Hee, wahamba waya phambili Waya kwilal'ekuthiwa kuseTuwa Wabuz'apho Bethuna ndiyabuzisa Kwathwa iyemapoliseni Kukh'ipolice station kaloku pha Kwathiwa iyemapoliseni Ath'amapolisa hayi thina Asimazi lomntu apha Khawuy'eGcinisa maan Hey hee hayi EGcinisa kwathiwa asimazi lomntu apha Khwaudlulelephambili Hayi waya kwaNdaba ke Wacula wacula wathi Khamini gantshi Ndipheth'uMayindiya Khamini gantshi Ndipheth'umhlobase Gompo Gompo Khamini gantshi Ndipheth'uMayindiya Khamini gantshi Ndipheth'umhlobase Gompo Gompo Khamini gantshi Ndipheth'uMayindiya Khamini gantshi Ndipheth'umhlobase Gompo Gompo Khamini gantshi Ndipheth'uMayindiya Khamini gantshi Ndipheth'umhlobase Gompo Gompo We Gompo Gompo We Gompo Gompo We Gompo Gompo We Gompo Gompo We Gompo Gompo We Gompo Gompo We Gompo Gompo We Gompo Gompo We Gompo Gompo Kwathiwa kwaNdaba Hayi hamba Gqithela phambili Asimazi thina lo mntu Hey wathi eQolweni NaseNdabazandile Ebuz'umbo omnye Bethuna niyamazi na UNoma-indiya Umzukulwama kaMambanjwa Isiushuqushu sesiqova Esifutshanana esinezigweqe Kwathiwa hey Asimazi thina lomntu apha Dlulela phambili kwaHoyi Lehl'isele laya kwaHoyi Bethuna niyamazi na Umntu ekuthiwa Ngu Noma-indiya Isiqushuqushu sesiqova Esinezigweqe Umzukulwana ka Mambanjwa Ingathi pha wadibana nomntu ekuthiwanguMphumezi Wathi uMphumezi hayi andimazi mna lomntu lowo Khawugqithele phambili Hayi behla Bokutsho eDoorkloof Bethuna niyamazi na Wakhwaza Madala Madala Andisakhumbuli noba yayinguMayedwa na Wathi Niyamaz'uNomaindiya Wathi heyi asimazi thina lomntu lowo Dlulela phambili Wadlula ke Waya kutsho ngaapha Kwafifteen Ukuyokuqabel'ezanti KwaZwelitsha Wadibana nomny'utata ekuthiwa nguStywembeshe He baw'uStywembeshe Uyamazi umntu ekuthiwa ngu Nomaindiya Umzukulwana kaMambanjwa Wathi tyhini Ndiyamazi loo mntu Ngowangaaapha Ngowangap'eKomanishini Dlulela pha ngaphesheya Hayi ke kwabonakala ngathi uNomaindiya uyaziwa Umzukulwana ka Mambanjwa Hayi babulela kakhulu abantu Bamxhelela Bamxhelela uNomaindiya Kwathiwa Nguye nguye lo NguMayindiya Nguye nguye lo Ndipheth'umhlob'ase Gompo Gompo Nguye nguye lo NguMayindiya Nguye nguye lo Ngumhlob'ase Gompo Gompo Nguye nguye lo NguMayindiya Nguye nguye lo Lona umhlob'ase Gompo Gompo Khamini gantshi Ndizis'uMayindiya Khamini gantshi Ndipheth'umhlobase Gompo Gompo Nguye nguye lo NguMayindiya Nguye nguye lo Ndipheth'umhlob'ase Gompo Gompo We Gompo Gompo Halala ey We Gompo Gompo We Gompo Gompo Bantwanana Mamelan'azali Niqaphele Int'abayithethayo Nomaindiya Nomaindiya Nomaindiya Nomaindiya Mhlobase Gompo Gompo Mhlobase Gompo Gompo Mhlobase Gompo Gompo Mhlobase Gompo Gompo Phela phela phela Phela ngantsomi Phela phela phela Phela ngantsomi Chosi chosi kungaphum'iimpondo Chosi chosi kungaphum'iimpondo Phela phela ngantsomi
Writer(s): Dumisani Maswana Lyrics powered by www.musixmatch.com
instagramSharePathic_arrow_out